

































Ukuzilungisa Ebusika

88 BONA XHOSA - July 1999
Kuba iintsuku zisiya ziphela ukuya kwiwaka lesibini leminyaka (2000), akunakuvumela ukunonophela iinwele zakho nako kuphaphatheke kuba kusebusika.
Icebiso livela kwaREVLON HAIR ACADEMY

KUBA sizilungiselela iwaka lesibini leminyaka (2000)
sekusele nje phantse ikhulu elinemivo leentsuku ukususela ngoku,abanye abaziingcali ekunonopheleni iinwele baya kuphikisa ukuba iinwele zethu kule mihla nobudala abusenampilo njengoko kwakunjalo ekuqaleni kwenkulungwane. Abanye bathi noko zintle kuba kukho iimveliso ezininzi onokuzikhetha kwanezimbo ezifumaneka kule mihla kuthi esingazange sikhe sicinge nokucinga ngazo.

Nakuba iimveliso ezininzi esizifumanayo kule mihla zisivulela kumathuba amatsha, zibangele iinwele zethu zibe nezimbo esasingazazi ngaphambili, kubalulekile xa sizisebenzisa sisoloko sifunda size silandele imiyalelo yenkampani ezivelisayo. Kukwabalulekile ukutyelela rhoqo kwindawo elungisa iinwele apho kugxininiswe kakhulu ekuhlumiseni nasekukhondishineni iinwele.

Njengolusu, ukukhondishina iinwele zakho kutshintsha
nokutshintsha kwamaxesha enyakeni. Iinwele zakho
unokuzikhathalela njani ebusika?

Apha ebusika iinwele zithanda ukoma, zinqunqeke zidangale, ingakumbi kwimimandla ebizwa ngokuthi yihighveld kuba umoya womile ngeli xesha lonyaka. Nazi iimpendulo kwiindidi ezintathu neziphambili zeengxaki zeenwele:

1.	UNONOPHELO LWEENWELE ZEMVELO, EZIBREYIDIWEYO NEZIPHOTHIWEYO:
Kanye ngeveki faka ishampu kwiinwele emva koko usebenzise ihot oil treatment uyifake itshone.

EMVA KONONOPHELO:
*	KWIINWELE ZEMVELO:
Isitshizi-nwele esiyiGlycerine - based (imveliso oyithandayo)

KWIINWELE EZIPHOTHIWEYO:
Isifumisi esiyiLeave - in strand (imveliso
oyithandayo)

* OKWEENWELE EZIBREYIDIWEYO :
Usenokusebenzisa istrand remoisturising treatment kwiinwele zakho - hayi kwibrading - uze ulandelise ngesifumisi esihlaziya iinwele

2.UNONOPHELO LWEENWELE EZIPHENYIWEYO
NEZI-S-CURLED :
Zihlambe ngeshampu kube kanye ngeveki usebenzisa
Ishampu yeenwele eziphenyiweyo, landelisa nge-hot oil moisturising treatment .

EMVA KONONOPHELO:
* LWEENWELE EZIPHENYIWEYO:
Sebenzisa icream curl activator oyithandayo. INon-drip
gel moisturiser .

* KWIINWELE EZI-S-CUALED :
ICream curl activator enokusetyenziswa endaweni yegel curl activator usebenzise neglycerine spray activator .

3.UKUNONOPHELA IINWELE EZIRILEKSIWEYO :
Iinwele zihlambe ngeshampu kanye ngeveki usebenzisa ishampu yexabiso. Inkoliso yeeshampu ezithengiswayo kule mihla inokusetyenziswa naphi na. Nakuba inokucoca iinwele kwangaxeshanye iyazikhondishina .

EMVA KONONOPHELO:
IPink oil moisturiser lotion uze utshintshanise ngeprotein conditioning hairdress .

UNONOPHELO LWEENWELE EZIRILEKSIWEYO NEZITSHINTSHIWE UMBALA:
Iinwele zihlambe kube kanye ngeveki uze ulandelise ngemveliso ezifumisayo.

EMVA KONONOPHELO:
IPink oil moisturiser lotion kwanehairdressing conditioner .

ISIPHO SAKWAREVLON SOKUNONOPHELA IINWELE.

KwaRevlon baphisa ngama-4O eemveliso zabo ezineRevlon Alpha 5 in 1 Shampoo , iRevlon Special Feeling Pink Oil Moisturizer Lotion kwaneRevlon Special Feeling Moisturizer Spray kubafundi beBona abanethamsanqa. Ukuze ube sethubeni lokufumana enye yezi mveliso zintle, thumela igama lakho nedilesi apha:
REVLON HAIR - CARE GIVE - AWAY , BOX 205, ISANDO 1600, ukuze libe lifikile kuthi ngaphambi komhla wama-25 kuJulayi 1999.

90 BONA XHOSA- July 1999
Zintle
Ngokugqibeleleyo

Akukho mfuneko yokuba amabhinqa
aneziqu ezikhulu ane yindinisa -nantsi indlela yokuzilungisa

kufote uEMIL WESSELS
umnxulumanisi nguBULI SIWANI

Ukuba ulibhinqa elityebileyo, yenza isigqibo kobu busika sokuvuselela iimpahla zakho zokunxiba. Ngoxa amabhinqa aneziqu ezincinane enokuzikhethela kwizinto ezininzi ngaphandle
kobunzima, amabhinqa aneziqu ezikhulu angabukeka eqhakazile ekwasestayilini , nokuba aya emsebenzini, ecaweni, emathekweni okanye nje. Nantsi imfihlo Imfihlelo yempumelelo kukukhetha impahla eziza kukwenza ubukeke umncinane. Umzekelo, endaweni yokunxiba iziketi ezithi saa kobu busika, zama ezilungeleleneyo, eziza kwenza ubukeke umncinane kwaye unomtsalane.
Kukwabalulekile ukuthenga iimpahla ezisemgangathweni eziza kuhlala ixesha elide. Musa ukuthatheka ziimpahla ezisefashonini ezingazukuhlala ixesha elide - yonga ngemisiko enokunxitywa amaxesha amaninzi njengehempe entle nesikhafu , enokunxitywa nezinye iimpahla ezintle. Ihempe emhlophe apha, isikhafu apho -WOW!
Ebonakala emhle kwijakethi nesketi esinavy-blue nesketi sesuti
ihempe , ijakethi nesuti yesketi - kwivenkile zakwaTOPICS jikelele. Isikhafu - ivenkile zakwaWOOLWORTHS jikelele. Ingqokelela yezihlangu zakwaTJ - iivenklle ZakwaCARNABY jikelele.




Owona mbala ugqwesileyo kweli xesha lonyaka ngumbala ogreyi . Ilokhwe emfutshane egreyi enxitywa neskhafu esinemibalabala.
Ilokhwe - efumaneka kwiivenkile zakWaTRUWORTHS jikelele. Isikhafu nomnqwazi - ufumaneka kwiFLEA MARKET yaseBRUMA LAKE , eRhawutini.
Izihlangu ezigreyi - zakwivenkile zakwaEDGARS jikelele. Iikawusi - zakwaSILKY SILKY .

BONA XHOSA - JuIy 1999 95
UNksk Zodwa Thladi waseBhayi usixelele ukuba uthenge umatshini wokuhlamba oyitwintub , ufuna ukuqonda ukuba unokuwusebenzisa njani ukuze afumane iziphumo ezihle:

Sivuyisana nawe Nksk Thladi, ngoku noko uza kuphumla ekuxikixeni, umatshini uza kuluthwala lonke olo xanduva! I-OMO Machine Washing Powder iyilwe ngokukodwa ukuze ufumane iziphumo ezihle koomatshini abaziitwintub , nanga amacebiso alula okuhlamba nanokukunceda:
naluya ekupheleni kweli nqaku.
* Funda incwadi enemiyalelo efunyanwa kulo matshini ukuze wazi indlela yokuwusebenzisa. Iimpahla zakho zibeke ngokwamalaphu azo nemibala. Imibala ekhanyayo nengakhanyi ungayihlanganisi ndawonye, amalaphu anjengawomqhaphu nawelinen ungawadibanisi kunye nawenaylon , ipolyester , njl.
* Sebenzisa iOMO Machine Washing Powder nenconyelwa ngabavelisi bomatshini . Galela amanzi ebhafini , fafaza iOMO emanzini. Qiniseka ukuba inyibilikile.
Iimpahla zakho zifake kumatshini , ibe nye ngexesha. Impahla kufuneka ingene yonke emanzini, ikwazi ukujikeleza lula emanzini.
 Emva kokuyihlamba faka impahla kwicala lomatshini
elinendawo yokukhama amanzi ukuze anogwebu akhameke.
* Yopule kumatshini okanye kwibhafu engekho kumatshini . Iimpahla ezopuliweyo zifake kwicala lomatshini apho zinokukhanywa khona phambi kokuba uzaneke.
Ukuba uthanda ukuphinda uwasebenzise amanzi obuhlamba ngawo kwezinye iimpahla, hlola ukubona ukuba angcole kangakanani nokuba lusekho kusini na ugwebu. Galela intwana yeOMO. Ungasebenzisi amanzi afanayo kwivas yesithathu nangaphezulu.
ngoMvulo - ngo-14:00
Radio Xhosa (Umhlobo wenene)
ngolwesiBini - ngo-1 0:00
Radio Ndebele (Ikwekwezi FM )
ngolwesiBini ngo-1 0:45
Radio Venda (Phalaphala FM)
ngolwesiThathu - ngo-9:OO
Radio Lebowa (Thobela FM )
ngolwesiThathu - ngo-1 2:00
Radio Setswana (Motsweding
FM ) ngolwesiNe - ngo-1O;40
Radio Swazi (Ligwalagwala FM )
ngolwesiNe - ngo-14:O0

ICEBISO LOBUNONO
Livela kuTheresa Khumalo, Onolwazi Ngononophelo Lolusu

Ukwenzela Inkcukacha Ezingakumbi, bhalela uTheresa apha: Du Marc , P.O. Box 37619, Overport , 4067,
I-OMO Mailbag
I-OMO Mailbag ikucebisa simahla ngeengxaki zevasi . Idilesi yethu nenombolo yefowuni ibhalwe kwipakethi nganye yeOMO. Unokuphulaphula kwiinkqubo zethu eziphuma kunomathotholo, uludwe lwamaxesha ezisasazwa ngawo
Phulaphula i:
Radio Zulu ( Radio Ukhozi)
ngoMvulo - ngo-1O:20
Radio Sesotho (Lesedi FM)

INOBUNONO
IYAMANGALISA
Theresa Endimthandayo
Ndisebenzisa iGentle Magic , elungela ulusu lwam. Ngaba ndinokuyisebenzisa kubantwana bam?
NguB.N., eGauteng
Ewe, kodwa esi .sithambiso sisebenzise ngobunono. Icream yeGentle Magic isebenza kakuhle kwirhashalala yabantwana nezilonda ezingaxhomis amehlo. Xa siyichaza singathi yicream enobunono, engummangaliso Kodwa le lotion inokuba namandla kulusu lwabantwana nolubuthathaka, ukuba ufuna ukusebenzisa ilotion , xuba isiqingatha sayo nesiqingatha samanzi, yithambise ngecotton wool emanzi.

Theresa Endimthandayo
Ndiyindoda. Ndinokuyisebenzisa iGentle Magic ? NguO.M., eKapa
Ewe Ulusu luyafana kumntu wonke, kuba inkoliso yamadoda ingalukhathaleli ulusu lwawo ithi isengamtyendyana ibukeke iziingwevu. Igentle Magic ikwaluncedo ekukholelwa kwelokuba zezokutya okunkonkxiweyo, nakwinzikinzane. NgeGentle Magic awubi nebala elimnyama gqitha. Khumbula, abomama bathanda amadoda abukekaqo anolusu oluthambileyo nolumpuluswa.
